Tiener seks

Intombazanana + ukwabelana ngesondo = ukumitha?

NdinguMichelle igama yaye ndineminyaka eli-15 ubudala. Ndicinga okokuba ndimhle, ndinemilenze enomtsalane. Nabahlobo bam batsho.Ndiyayibona indlela andijonga ngayo amakhwenkwe, ngokukodwa uSipho. Amehlo akhe akasuki kum. Sele eneminyaka eli-19 ubudala yaye akafundi. Uthi ufuna umzimba wam. Abanye babahlobo bam bathi akumnandi ngako ukwabelana ngesondo. Ndinomdla yaye ndifuna ukwazi okokuba  kumnandi kangakanani na ukuze nam ndenze. Kodwa ndizibuza okokuba ngaba kulungile na ukwenza oko? Akunabungozi?

Maninzi amantombazanana  ajongene nokwenza isigqibo esibaluleke njengeso uMichelle ekufuneka esenzile esisesi: ndingabelana ngesondo okanye kufuneka khendilinde? Kukho amantombazana amancinci aminyaka ilishumi elinanye abelana ngesondo rhoqo. Amantombazana amaninzi azibuza okokuba ngaba asinto ilungileyo na ukumitha. Umntu ukulungela nini oko? Yiyiphi imingcipheko ekhoyo? Ngaba nyhani le nto umntu  angaziduba ngayo?

Xa kufuneka wenze isigqibo esibalulekileyo akukho nto igqitha okokuba usicingisisise. “Cinga phambi kokuba wenze, ”  ebesakutsho umakhulu. Wayenyanisile: umele wazi okokuba eso sigqibo sakho singantoni na, yaye iziqhamo zaso zithini.

Qala ngokuthetha nomntu omthembayo noziva ukhuselekile ngakuye. Thetha ngokukhululekileyo ngokwabelana ngesondo nangezinto ozikhethayo. Kuhle ukuthetha ngokukhululekileyo nabazali bakho, ititshala yakho, umntu osebenza nolutsha okanye unontlalontle malunga nokwabelana ngesondo.

Akuncedi  ukuthetha ngalo mba nabahlobo bakho abazingca ngawo. Amabali abo angaske akukhuthaze uqalise ukwenza izinto phambi kwexesha kakhulu. Loo nto ingakwenzakalisa yaye uzisole.

Kodwa ngaba zingayintoni iziqhamo zokuqalisa ukwabelana ngesondo kusekwangoko?

Kukho ingozi yezifo eziza ngokwabelana ngesondo. Ezi zifo zinokuhlungisa intliziyo kakhulu yaye zidale nentlungu engathethekiyo. Cinga nje ngeSandulela-gawulayo noGawulayo (i-HIV ne-AIDS), ukubhajwa, ukudumba kwesibindi, njalo njalo. Ezinye zezi zifo akumnandanga nokuzicinga oku, yaye azinyangeki.

Xa umzimba wakho okanye imvakalelo ingekaqini kakuhle, ukwabelana ngesondo phambi kwexesha kungakuduba ingqondo kakhulu, kukuhlungise nokukuhlungisa. Loo monakalo ungakuchaphazela ubomi bakho bonke.

Ungabopheleleka kubomi bokwabelana ngesondo okanye ube likhoboka labo. Amanye amantombazana athi aqalise ukuthengisa ngemizimba yawo kuba efuna imali. Abantu bangakuhlukumeza; ubudlelwane bakho nabanye abantu buphele. Isidima sakho singaphela, ukukhula kwakho ube mdala  kungatenxa, amaphupha akho nezinto ozixabisileyo zitshabhe.

Ungamitha ungekakulungeli mpela ukuba ngumama. Ukuba ngumama luxanduva olukhulu, xanduva olo wena njengomntu oselula kakhulu unokungalulungeli.

Zonke ezi ziqhamo ziba zibi ngakumbi  xa ungabelani ngesondo nomntu omnye kuphela. Ukwabelana ngesondo yinto entle, elungileyo nemnandi. Eneneni sidalelwe ukwabelana ngesondo.

KODWA yinto emele ukwenzeka kubudlelwane bothando nentembeko—emtshatweni, ukutsho oko. Ngummiselo kaThixo lowo.  Ungakhetha. Hayi, kufuneka  ukhethe. Kodwa khumbula okokuba loo nto uzikhethelayo ineziqhamo!

  • Yintoni eyenza kube nzima kangaka ukuzikhethela ngokuchanekileyo?
  • Andifuni kushiyekela xa abahlobo bam bezigwagwisa  bethetha ngokwabelana ngesondo.
  • Xa isithandwa sam sisithi: “okokuba uyandithanda uza kwabelana nam ngesondo.” (Kambe loo nto asiyonyani, umntu onjalo eneneni akakuthandi okanye akakuhloneli). Kodwa ke ndiza kuthini xa endishiya kuba ndisala ukwabelana naye ngesondo?
  • Xa isithandwa sam sisidadlana kunam yaye singayiqondi into yokuba andikakulungeli ukwabelana ngesondo.
  • Xa ubani endinyanzela nangaluphi na uhlobo. (Khumbula, okokuba ubani ukunyanzela okokuba wabelane naye ngesondo,  ube wena ungafuni, loo nto lulwaphulo-mthetho, kukudlwengula. Usenokungavumi. Okokuba loo nto iyaqhubekeka, kuyanyanzeleka okokuba uyixoxe nomntu omthembayo.
  • Xa ndiziva ndililolo okanye ndilahliwe, yaye ndicinga okokuba ukwabelana ngesondo kuza kundinceda  ndiphinde ndamkeleke.
  • Xa  abantu besithi: kungokwabelana ngesondo kuphela apho unokuthi  ubonakale okokuba “ulibhinqa” ngokwenene.
  • Xa ndifuna ukubabonisa nto ithile abanye abantu, mhlawumbi ndifuna ukubabonisa okokuba ndiza kuyenza into endifuna ukuyenza.
  • Xa usapho lwam okanye mna ndisokola yaye ndizibuza ukuba ngaba isibonelelo sikarhulumente xa ndinosana mhlawumbi singandi-nceda.
  • Xa  ndicinga ukuba ukwabelana ngesondo okanye ukumitha kuza kundinceda ndiziphephe iingxaki zobomi.
  • Xa isithandwa sam kunye nam siphathaphathana nzulu endaweni ethile mhlawumbi sikhulule ezinye zeempahla zethu, siphathaphathane amalungu ethu angasese, izinto zingaqala ukonakala. Kungaba ngathi aningephezi konke konke.
  • Xa ndisela okanye ndisebenzisa iziyobisi,  okanye ndityelela iindawo ezingafanelekanga, “iindawo ezinobungozi” ezifana nemibutho yokuzonwabisa yasebusuku neeshibhini. Kwiindawo ezinjengezi kunzima kakhulu ukwala izigqibo ezingalunganga nezinokuba yingxubakaxaka ethubeni.

Okanye xa kuthethwa ngokukhululekileyo nangokunyanisekileyo nabazali bam ngokwabelana ngesondo nangezothando, ze mna ndenze izinto ndithe cwaka okanye ekhusini.

 

Vula ingqondo, uvundle malunga nezi zinto ezenza kube nzima ukukhetha.

Thetha ngazo nomntu omthembayo.

Kulungile ukuthetha ngokwabelana ngesondo!

Bubuyatha ukugqitha irobhothi ibonisa bomvu

  • Ukuba kunjalo kanye ndigqiba kwelokuba ndabelane ngesondo?
  • Kufuneka ndizazile iziqhamo zoko, ndikulungele ukumelana nazo.
  • Kufuneka ndisebenzise izithinteli-kumitha ndazi okokuba zisebenza njani. Inesi eklinikhi okanye unontlalontle angacebisa.
  • Kufuneka ndisebenzise iikhondom qho xa ndabelana ngesondo.
  • Kufuneka ndinyaniseke kumlingane omnye.

Kanti ukumitha kona? Phambi kokuba uzikhethele ukumitha, kufuneka wazi oku kulandelayo:

Imizimba yamantombazanana ayikakulungeli ukuthwala usana. Kanti ke kwanasemphefumlweni akakakulungeli oko.

Okokuba uyamitha, ze ugqibe kwelokugcina usana olo, loo nto ikubeka phantsi koxinzelelo olukhulu. Yenjenjalo nakwabo basondeleyo kuwe. Ifuna ixesha elininzi kunye nemali.

Asiyonyaniso into yokuba umntu angenza imali ngezibonelelo zikarhulumente koomama abancinci abangatshatanga. Ezi zibonelelo yimpunde nje yemali efunekayo eneneni ukuze usana lukhule ngendlela echanekileyo.

Okokuba usemncinane kakhulu, eneneni akunakukwazi ukukhulisa umntwana , yaye uza kusokola nokugqiba ukufunda esikolweni.

Ayikulungelanga into yokuzithwalisa imisebenzi emininzi noxanduva lomama oselula. Kuqala, kukho ubomi obungummangaliso ekufuneka ubuxhamle, ubonwabele. Zininzi ezinye izinto ezimnandi ekungafunekanga uziphosile.

Ziziphi ezinye izinto ezikhoyo umntu anokukhetha kuzo?

Unga ungalinda ungakungxameli ukwabelana ngesondo okanye ukumitha. Baninzi nabanye abathi nabo bakhetha ukulinda … yaye abayikhaleli loo nto!

Qala ngokuyonwabela nje into yokuba lula nokwenza izinto ezintle nabahlobo bakho, nto ezo ezihambelana nokuba lula  nezingenabungozi bungako ezinjengezi:  ukuhambela nokuncokola, ukumamela umculo, ukuthabatha inxaxheba kwiihambo zolonwabo, ukufunda okubhaliweyo nokuba nomdla kwizinto ezikungqongileyo. Azininzi ngako  izinto ezinomdla onokuziphandela, yaye ufunde!

Ungathandana ngendlela engummangaliso nomntu oyindoda ngaphandle kokwabelana ngesondo. Azininzi ngako izinto ezizezinye eninokuzenza kunye xa nimanyene ngothando nembeko! Kufuneka niqale ngokwazana, nifunde ukuthandana nokuthembana.

Hlobana nabanye, nceda abantu abakudingayo.

Khetha abahlobo abangabo, ngokukodwa  isithandwa  esisiso, esikuhlonelayo nesiza kulinda nawe de lifike ixesha elichanekileyo.

Qaphela into yokuba wena nomzimba wakho nikhetheke ngokukodwa: kufanelekile okokuba nihlonelwe ngabanye abantu.

Phupha ngekamva lakho ulisebenze ukuze amaphupha afezeke.

Qala ngokuthi nca ezifundweni zakho – loo nto iya kuthetha lukhulu kwikamva lakho.

Thabatha inxaxheba emidlalweni nakwezinye izinto zesikolo – zilolonge, yitya ngendlela efanelekileyo, lala ngokwaneleyo.

Ziphephe iindawo ezinobungozi  apho unokunzinyelwa kukuthi hayi. Futhi, utywala neziyobisi ziphephe.

Okokuba akunako ukuthetha ngokwabelana ngesondo nabazali bakho, thetha nabanye abantu abadala obathembayo malunga nokwabelana ngesondo nokumitha. Ndwendwela iklinikhi okanye unontlalontle, nangaphandle kwemvume yabazali bakho xa oko kuyimfuneko.

Okokuba sele ukhe wabelana ngesondo, loo nto ayithethi kuthi  akunakuyeka ulinde de ube mdadlana.

Yiba yinxalenye yecawe okanye  iqela lolutsha ecaweni.

Khumbula, uYesu Krestu ufuna ukuqala ubudlelwane nawe: ukukhathalele ngokwenene, uyaqonda, ufuna ukukukhusela nokukunceda. Akafuni wenzakale, angakusindisa…thetha naye ngezinto ozikhethele zona ebomini, umcele akukhokele  endleleni eyiyo.

Ngoko ke ikwayinto entle nefunekayo ukulithobela iLizwi lakhe.

Incwadi yaMava eNgqondi 11: 9-10, ithi, “Wena mntu osemtsha, yonwaba ngethuba lobutsha bakho, intliziyo yakho ichwayite lo gama uselula.Yenze loo nto isentliziyweni yakho,nditsho leyo ibonwa ngamehlo akho, kambe ke ukhumbule ukuba uza kuziphendulela enkundleni kaThixo ngayo yonke into oyenzileyo. Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho, ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.

INdumiso 119 ;9  yona ithi, “Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu? Ngokuthobela iLizwi lakho.”

Share this post